LINTSHONTSHO LIKATATA ELI!
LINTSHONTSHO LIKATATA ELI!
Ntshontsho Lionel Gutyungwa
20/05/1962 - 24/09/2021
“Iyekeni inkwenkwe izonwabele,
kuba lento iyinkwenkwe imdaka, ligeza!
kuze kubekh’ indoda kuzalw’ inkwenkwe:
ze umfazi abonis' ukuzinza kwakhe!”
uNtshontsho ube ngeyo nkwenkwe nje,
ube ngengo nyana kwisini.
uNtshontsho ube lintshontsho likaTata
Yinkwenkwe kaTata le!
uthe wakulizwa ngonyana phakathi koonyana bakhe,
into kaFuyizizwe yonela yancam’ ingeka gribi:
yathi olusana lubomvana, lumpundu mpundu lintshontsho lam.
Lintshontsho likaTata eli!
xeshekweni kuphel’ isonk’ ekhayeni,
kwaku phel’ umgubo, wena nyama, swekile netyuwa:
ikhab’ ukwal’ isoporo kway’ ixhalabil’ nendlala
uTata akanoshukuma noba angaxelwa, engxengwa.
abe cwaka, etye tyum ngath’ akevanga nto
into kaFuyizizwe ayino phakamis’ nomnwe lo:
engeka vakalis’ umsindo wakh’ uNtshontsho.
sakuvakal’ isgezo ezibhuqa bhuqa phantsi elila:
Tata kuph’ imali kulanjiw’ ekhayeni!
zide zigrobok’ iipokoto zikaTata, ayikhuphe
iphum’ imali noba encwina nje kuzohluthwa namhlanje.
ikhumbul’ into kaFuyizizwe ukubana lintshontsho lakhe eli.
uNtshontsho ube ngeyo nkwenkwe nje,
ube ngengo nyana nje kwisini.
uNtshontsho ube lintshontsho likaTata
Yinkwenkwe kaTata le!
Nyana kaFuyizizwe, mzukulwane kaMzayifani.
Myirh’ omhle, thambolenyoka,
lihlab’ elimzondayo
Nkomo zikaMyirha zikaMzondi, zikaXushe, zikaNdzutha, zikaTshutshu, zikaGabadela,
Nkomo zikaSampu, zikaNyekwayo, zikaZiyeka, zikaGxabha, zikaMpulane
Lala ngoxolo!!
Ndlelantle Myirha, Ntshontsho likaTata
uFuyizizwe, kaMzayifani kaBaklein!
hlumela likaKhokho nentsika yomzikazi
Joseph Gutyungwa
uNqulo ngo Ntshontsho Lionel Gutyungwa ongasekhoyo
lubhalwe nguMninawe wakhe: Sydney Pikelela Gutyungwa
© Ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) KweyoMsintsi (September) Nonyaka (2021)
NB: My humble apologies to all my international readers for writing this Eulogy for my Departed Brother in my Native Xhosa Language. It is not intended for English speaking audiences. Too irrelevant to translate as it will hardly be meaningful.
Comments
Post a Comment
The author would really appreciate your constructive comments based on how you understood and interpret each poem. Poems can mean different things to different persons and all views can be correct as long as they conform to the contents thereof. This is the beauty of Poetry.
Please Do Not Forget to FOLLOW ME in order to get Instant Notifications When Latest Posts are published.